
BONA XHOSA - August - 1995 163

Ukurejista
okanye
Ukungarejisti ?

Buyaligcina ke eli candelo kanti ke ngokutsalela inombolo yethu yasimahla ethi 0800 111 502 uchaze inombolo yonxibelelwano ye-bar code .
Ngoko kwixa elizayo ukuba ufuna ukuposa into ethile yaye ufuna ukuqiniseka ukuba isiwe kwidilesi eyiyiyo, sebenzisa inkonzo entsha yeeleta ezirejistiweyo .
Ukuba ufuna inkcaza ethe vetshe, ngokuba le nkonzo intsha yeeleta ezirejistiweyo ingakwenzela ntoni, tsalela inombolo yethu yasimahla ethi 0800 111 502, okanye ungene kwiposi ekufuphi kuwe uthathe iphetshana lenkcaza.
Uyisebenzisa xa kutheni inkonzo entsha yasePosini yeeleta ezirejistiweyo ? Ukuba ngaba ileta okanye iphepha ofuna ukulithumela alinaxabiso kangako, kodwa libe libaluleke ngokwaneleyo ukuba kufuneke olamkelayo azazise.
Le nkonzo intsha yeeleta ezirejistiweyo inesincamathiselo esine-bar code , esinika ingxelo yokuba kanye kanye ileta yakho ishiywe nini. Isiqinisekiso sokuba ileta yakho yamkelwe kwidilesi eyiyiyo, siyafumaneka xa oyamkelayo esayina igama lakhe futhi agcwalise nenombolo yeID yakhe.
	Ungakuqinisekisa oku ngokufowunela inombolo

INKONZO ENTSHA YEELETA EZIREJISTIWEYO










164 BONA XHOSA - August 1995

BONA WORD PUZZLE
UNGAWINA i-R25 000!
KODWA XA LINGEKHO INGENELO ELICHANE
NGOKUTHE GQATHU, INGENELO
ELINEEMPOSISO EZIMBALWA LIYA KUWINA
AMA-R5 000!
NGENELA NGOKU! 


KUQALA, FUNDA APHA
*NGOKUNGENELA IBona WORD PUZZLE YETHU UYA KUBA UNCEDA ABANTU ABANINZI.
Kunjalo kanye, imali oyithumelayo iya ebhankini , ize ke isetyenziswe ekuncedeni abantu bakowethu kwilizwe liphela. Isetyenziswa ekwakheni iipaki zokudlalela, ekuthumeleni abantwana esikolweni . ekwakheni amagumbi okufundela, na kwezinye izinto ezininzi ngo kunjalo. Ngako oko ke, khumbula, uya kuba unceda abanye abantu.
*UYA KUBA UYAZINCEDA NAWE. Kulungile ke, le puzzle iya kukunceda ekufundeni isiNgesi. Ukuba unegama ongalaziya, buza kumhlobo wakho ukuba lithetha ntoni na, okanye ke ulikhangele kwisichazi-magama. Uya kumangaliswa yindlela isiNgesi sakho esiya kuya siphucuka ngokuphucuka ngayo. Kanti ngaphezulu, unokuwina isityhwentywe seMALI

OMAWU KWENZE
Kuqalo, jonga kwikhasi elilandelayo. Ubona ikhuphoni neepuzzle ezintathu, ziyafana zonke? Kulungile ke, inye kuzo IINGENELO, kwaye ukuba ujonga ngaphaya kwikhasi, uya kufumana amanye amangenelo amane. Ngoku ke, uyayibona na indlela ipuzzle eyenziwe ngayo yazizivakalisi ezingama-20, namagama amabini okanye amathathu kwizibiyeli kwindawo ethile nje kwisivakalisi ngasinye? Ngoku ke, kuphela omawukwenze kukuba ugqibe ngelona gama lilunge kweso sivakalisi kwiseti nganye yezibiyeli kwisivakalisi ngasinye uze ulibhale ke kwizithuba ezingakwisivakalisi ngasinye, ubhala unobumba abe mnye kwibhloko nganye. Kanti ke usenokuziva ufuna ukukhetha elinye igama kwizivakalisa xa uzalisa elinye ingenelo. Kanti ke, use ngaweza angafani onke amangenelo akho.
Phofu ukuba wenza ngale ndlela unethuba elibhekele phaya lokuwina ibhaso elikhulu.. Nanku umzekelo wokuzalisa isivakalisi ngasinye:
UYAYIBONA KE INDLELA EKULULA NGAYO!

KULUNGILE KE!
Ingenelo ngalinye olizalisayo lixabisa ama-60c . Lilonke ke xa uzalise lalinye kufuneka uthumele iposoda yama-60c , ukuze uthi ukuba uzalise amabini, ibe yiposoda yama-R1,20c . Ukuba ke uwazalise osixhenze lo mangenelo, kuyakufuneka uthumele iposoda ye-R4,20 .

UKUTHUMELA AMANGENELO AKHO
Makhe sithi nje uzalise amangenelo amahlanu. Loo nto ke ithetha ukuba kuya kufuneka uthenge iposoda yee-R3 (ukhumbule, ingenelo ngalinye ngama-60c ). Ngoku ke, bhala igama lakho nedilesi kwikhuphoni ngezantsi kwamangenelo amathathu okugqibela ngaphaya kwikhasi, use ubhale apho nenombolo yeposoda yakho ngokunjalo. Ngoku - oku kuBALULEKE KAKHULU. KRAZULA IPHEPHA LEMAGAZINI LONKE NGOCOSELELO
MUSA UKUSIKA UKHUPHE NALIPHI NA
KUMANGENELO
Ngoku ke, bhala ukuba iposoda yakho mayihlawulwe kwiBONA uze ke ufake iphepha elo liphuma kwiBona kunye neposoda yakho kwimvulophu enye uze uyithumele apha: Bono word puzzle , Box 32046, Mobeni, 4060. Ungawaposi nge-rejista amangenelo akho, kunoko, sebenzisa loo mali yerejista ngokuzalisa amanye amangenelo, uze uqinisekise ukuba amangenelo akho uwaposa kakuhle phambi komhla wokuvalwa kolu khuphiswano ongulo:
AGASTI 31, 1995
IMITHETHO
1. Ungawathumela amangenelo abe maninzi kangangoko uthanda, iikopi ezifotiweyo kunye nezinye iikopi ezifanelekileyo ziya kwamkelwa. Amangenelo axabisa ama-60c lilinye kunajonje kufuneka akhatshwe yiposoda yemali epheleleyo. Amangenelo afunyenwe engenamali akasayi kwamkeleka, iiposoda mazingakhroswa . 
2. Amangenelo akasayi kwamkeleka ukuba ngaba omnye unobumba ubhalwe phezu komnye okanye xa nawaphi na amagama engafundeki. 
3. Akakho oya kugqitha ngaphaya kwezigqibo zabagwebi.
4. Nabani na angalungenela, ngaphandle kwabasebenzi base-Republican Press kunye neentsapho zabo ezikufutshane.
5. Naliphi na ingenelo elifika kuthi emva komhla wokuvala alisayi kusiwa so. Asisayi kuba natyala ngeefomu zokungenela ezilahlekayo okanye ezifika emva komhla wokuvala.
6. Ukuba akakho owine mpela, ibhaso lentuthuzelo elingama-R5 000 liya kunikwa umntu othumele ingenelo eliphantse lachana. Ukuba kukho abantu abangaphezu komnye kwibhaso elikhulu okanye kwelentuthuzelo imali iya kwabiwa ngokulinganayo.
7. Igama okanye amagama abaphumelele kwiword puzzle No 171 aya kukhutshwo kushicilelo lukaNovemba 1995 lweBona.
8. Amabhaso akukhutshelwa kuphela abakwindawo ezisebenzisa iiRandi eziyimali yoMzantsi Afrika.
9. Abantu abaphumelele kwiword puzzle kufuneka bavume ukufotwa .
Khumbula, kuya kubakho iWord puzzle eNTSHA kwiBono yenyanga elandelayo, ekunika ELINYE ithuba lokuwina ibhaso elikhulu esandleni!



168 BONA XHOSA - August 1995


UMCEBISI KWEZOMTHETHO

Ukuba unengxaki yazomthetho bhalela kule dilesi : Legal Advisor , Bona, P.O. Box 32083, Mobeni, 4060. Ucetyiswa simahla ngomthetho, kodwa qaphela Ukuze ube lilungu tsalela umnxeba kwinombolo ethi (011) 726-5260. Ucetyiswa simahla ngomthetho, kodwa qaphela
ukuba:
 Iincwadi ziya kuphendulwa kweli khasi kuphela, akukho mntu uya kucetyiswa ngokubhalelwa incwadi.
 Iimpendulo zeencwadi zisekelwe kwizinto ezixeliweyo encwadini, ngoko iBona nabacebisi bethu bomthetho abanakubekwa tyala ngomonakalo osenokubangelwa licebo abakunike lona.


Sazi-mthetho.
Ndihlawule ama-R62,72 kwenye ivenkile njengelay-bye yeetawuli . Andizange ndihlawule iinyanga ezimbini emva koko. Bathi baza kulicima elo tyala, bandinike imali yam. Emva kweenyanga ezintathu ndabatsalela umnxeba ndibuza isizathu sokuba bangayibuyisi imali yam. Baphendula ngokuthi ukuze bandibuyisele imali yam mandibathumele irisithi ekrazulwa kwipostal order . Ndakuba ndibanikile ezo risithi babezifuna abazange bayibuyise imali yam, bathi imali endayithumelayo yalahleka, ngoko abanakundinceda. Yintoni endinokuyenza?
Ndingu N.M.S., eSwartklip .

Xa uthenga ngelay-bye kufanele kubhalzwe isivumelzwano, kuchazwe ukuba yeyaziphi iimpahla, zixabisa malini , uhlawule idiphozithi yamalini kanti okubaluleke ngakumbi, kufanele kuchazwe ukuba eso sivumelwano siphela nini, sidla ngokungadluli kwiinyanga ezintandathu. Ngaphezu koko umnini venkile ufanele akunike ikopi yesi sivumelwano nerisithi qho umhlawule, ukuze ube nengxelo epheleleyo yemali ehlawulwe kwesi sivumelwano. Xa umthengi engahlawuli umnini-venkile unelungelo lokusirhoxisa eso sivumelwano emva kokuba ekwazise kwangaphambili ngeleta erejistiweyo kusasele iintsuku ezingama-30, ekuchazela oko azimisele ukukwenza. Emva koko unelungelo lokuxhuzula i-10% kwimali osele uyihlawule. Wena unokuba sengxakini xa ufuna akubuyisele imali angakhange ayifumane, ngamany'amazwi xa engakhange ayifumane iposoda , kuba akukho siqinisekiso sokuba uyihlawule idipozithi . Yiya eposini uqonde ukuba ipostal order yatshintshelwa bani, nini. Ukuba yatshintshelwa loo venkile yakhe usethubeni lokummangalela kwiSmall Claims Court ukuze abuyise imali kuba unabo ubungqina bokuba ubahlawule.

Sazi-mthetho,
Ndathumela iimpahla ngeposi . Nakuba osebenza eposini ndimcelile ukuba ayirejiste, endaweni yokwenjenjalo wayithumela ngeposi eqhelekileyo. Ingxaki kukuba ezo pasile azizange zifunyanwe ngumntu endandimthumelela zona. Ixabiso lezo pasile laliyi-R1 000 kodwa iPosi ithi iza kundihlawula i-R12 eyimbuyekezo yokulahleka kwempahla yam.
NdinguE.L.N. eSwartklip .

iPosi ayibekwatyala lomonakalo okanye elokulahleka kwepasile . Iya kukuphonononga ukuhlawula xa kulahleke iimpahla ezirejistiweyo nezineinshorensi , kuquka nezingarejistwanga . Kubalulekile ukuba uyifake kwinshorensi yeposi ingakumbi xa ixabiso laloo mpahla lingaphezu kwe-R12 , ekuyimali ehlawulwayo yiPosi xa kulahleke ipasile engarejistwanga . Ekuphela kwento ongayenza kukwamkela i-R12 abakuhlawula yona.

Sazi-mthetho, Ngo-1994 intombi endincuma nayo izele
umntwana oyintombi, uthe xa enenyanga yamshiya. Lo mntwana uye wakhuliswa ngumama. Ngoku lo mntwana uyafunda, ufuna isatifikethi sokuzalwa. Umama wakhe andimazi ukuba uhlala phi. Nditshatile, umntwana wam usebenzisa ifani yam. Ndigu B.N.M.,

Yiya kwiSebe lezeKhaya, ucele ikopi yesetifikethi sokuzalwa. Kwelinye icala, kuba unguyise walo mntwana wena nenkosikazi yakho kufanele nenze isicelo kwiNkundla Yabantwana ukuze loo mntwana abhaliswe ngokusemthethweni ukuba ngowakho. Njengoko ungamazi unina ukuba uphi, ufanele ucele ukuba angahoywa xa esenza isicelo sakhe sokuba amthabathele kuye. Yiya ku Nontlalo-ntle kwindawo ohlala kuyo ukuze akuncede kulo mba.

Sazi-mthetho, Ndilibhinqa elinama-22 eminyaka elafumana umntwana kwisithandwa sam sangaphambili eminyakeni emibini eyadlulayo. Uthe umntwana akuzalwa salahleka iinyanga ezintathu. Bendisazi ukuthi sithe phithi yenye intombazana esayenze nzima. Ingxaki yam kukuba ngoku siyandifuna, ndixakiwe. Ndithini?
Ndingu B.A., eSoweto.

Ukukhetha iqabane ngumbandela wakho siqu kuba uyazazi iimpawu ozifuna endodeni. Kwezomthetho, uyise womntwana wakho kufanele akhuphe isondlo somntwana. Ukuba akasihlawuli ufanele uye kwiiofisi zikaMantyi ezikwingingqi ohlala kuyo wena nomntwana wakho ufake isimangalo sokuba akhuphe imali yesondlo somntwana.


170 BONAXHOSA- August 1995

Gqirha endimthandayo, Ndinento engamanzi enevumba elibi eyenza ilungu lam lobuntombi lirhawuzele. Umfana endincuma naye uthi ndimanzi gqitha, yaye ucinga ukuba ndinomnye umfana endincuma naye. Ndinokuyiphelisa njani le nto ingamanzi iphuma kwilungu lam? NdinguB.M., eMatatiele .

Into engamanzi enukayo ephuma kwilungu lakho lobuntombi ibangelwa sisifo. Kubalulekile ukuba eso sifo sixilongwe size sinyangisiswe kuba ukungasinyangi kunokusibangela sinyukele kwimibhobho ethwala amaqanda asuka kwisiyileli. Oku kusenokude kuvale loo mibhobho, kukwenze ungazali. Nesithandwa sakho kufuneka sinyangwe kuba siza kuphinda sikosulele xa ninendibano yesondo kwakhona.

Gqirha endimthandayo,
Isithandwa sam sikhulelwe kwaye sithandiswa icuba. Xa nditshaya sifuna ndisivuthele ngomsi ebusweni. Ngaba lo msi awusayi kuchaphazela usana olungekazalwa?
Ndingu M.W., eMtata.

Kufunyaniswe ukuba ukutshaya kuyamchaphazela umntwana ongekazalwa nkqu nomsi lo ophefumlwa ngunina xa kukho umntu otshayayo. Okwenziwa sisithandwa sakho akulungile, ungatshayi xa ukufutshane naso.

Gqirha endimthandayo, Ndiyintombi ene-18 leminyaka ekhathazwa ziziva zezilonda kulusu. Ndizame izithambiso ezininzi kodwa azincedi. Ndenze ntoni ukushenxisa ezi ziva?

Ngelishwa akukho sithambiso somlingo esinokushenxisa iziva ezimnyama, kodwa ziza kuphela ngokuhamba kwexesha, ingakumbi xa ungaligcakameli ilanga.


Gqirha endimthandayo, Ndingowasetyhini onama-25 eminyaka, ndiqaqanjelwa ngamazantsi esisu, adumbile. Ngaba konakele ntoni kum?
NdinguB.N., KwaMashu.


Kule ncwadi yakho kuvakala ngathi ukuqaqanjelwa ngamazantsi esisu kubangelwa sisifo samarhorho esinokuquka isiyileli-maqanda, imibhobho ethwala amaqanda nesibeleko. Inkoliso yezibhedlele zamaphondo nezikarhulumente zinako ukukuxilongo ngeUltra Sound eya kubonisa ukuba azidumbanga na iziyileli-maqanda, imibhobho okanye isibeleko ukuze unyangwe. Ukuba sisifo, kufanele sinyangwe.



INYANISO NECEBISO NGEMPILO

UCWANGCISO-NTSAPHO


INYANISO
Ukuthintela ukumitha nokucwangcisa kuthetha into enye...ukuceba usapho lwakho nokuthinteta ukumitha okungalungiselelwanga. Unyango lwale mihla lusiphathele iindlela ezisebenza ngokuyimpumelelo ukucwangcisela iintsapho zethu. Asisenakuthembela kuphela kwiindlela zasemakhaya neziye zingathembakali ncam ukuthintela ukukhulelwa. Ukuthintela ukumitha kuyindlela ethembekileyo yokuthintela ukukhulelwa ungathandi yaye kusenza sibucwangcise kakuhle ubomi bethu. Zininzi iindlela ezikhoyo zokuthintela ukumitha.

ICEBISO
Zininzi iiklinikhi zocwangciso-ntsapho nezinika amacebiso eMzantsi-Afrika. Zinceda uluntu lwazi olona hlobo lokuthintela ukumitha ezibafaneleyo. Ezi klinikhi zinabongikazi abaqeqeshiweyo abaya kukucebisa ngendlela ekufaneleyo yokuthintela ukumitha. Akuhlawulwa kwezi kliniki .
MASAKHE ILIZWE ELINEMPILO!
Ikhutshelwe ukukhuthaza uNonophelo Lokuqala Lwempilo.







188 XHOSA BONA August 1995

LEO - Lucky Dube


 LEO
( July 23 - August 23)
Ziphucule kuba uza kuba nethamsanqa kwiinzame ozenzavo. Xa kukho imfuneko, lungisa indlela obukeka ngayo nendlela oziphethe ngayo. Zimisele nakwintoni na oyenzayo. Akunakunconywa xa ungafaneleki. Malunga nothando nobuhlobo kufanele uthabath inyathelo eliza kubuqinisa ubuhlobo benu.Yiba sisithandwa nomhlobo osenyongweni kwiqabane lakho. Imihla yethamsanqa: ngowama-24 nowama-25. Amanani ethamsanqa: ngu-6 no-7.

VIRGO
( August 24 - September 22)
Lisebenzise kanobom eli xesha lithembisayo apho unokuzenzela okanye uphucule idumasi yeshishini lakho ukuze ufumane inzuzo encumisayo kwimali eza kungena. Ukuze ube nethamsanqa kufuneka ukhawuleze kwinto iyenzayo. Lixesha lokuva umanyano olupheleleyo nesithandwa sakho, ukuba ningabantu abathandana ngenene. Ukuba akunalo iqabane, zifumanele omnye umntu omthandayo. Imihla yethamsanqa: ngowama-26 nowama-27. Amanani ethamsanqa: ngu-8 no-9.

LIBRA
( September 23 - October 22)
Ukuze wenze inkqubela encumisayo milisel'ingqondo kwizinto ezithile. Awubikwa hlaba, unehlombe kodwa awunamonde. Cokisa umsebenzi omnye ngexesha. Zinike ixesha lothando ngokonwabisa isithandwa sakho ngezinto eziyolisayo. Cebani ukuzenza kunye izinto ezinwabisayo. Imihla yethamsanqa: ngowoku-1, owe-2, owama-28, owama-29 nowama-30. Amanani ethamsanqa: ngu-1, u-2 no-3.

SCORPIO
( October 23 - November 22)
Ngoku uza kwamkela, ukhathazwe msinya ngabantu nezinto ezenzeka ekhaya. Kanti uza kuba liqabane eligqibeleleyo kwizalamane ezikhathazekileyo. Ngokuqinisekileyo uza kufumana izisombululo zeengxaki zekhaya. Xa ufuna ukwaziwa, unconywe, yiba nobuhlobo eluntwini. Usenokuzifumanela iqabane elikufaneleyo. Xa utshatile lixesha lokuhlaziya uthando lwenu. Imihla yethamsanqa: ngowe-3, owe-4 nowama-31. Amanani ethamsanqa: ngu-3 no-4.

SAGITTARIUS
( November 23 - December 21)
Yamkela ixesha leziganeko ezonwabisayo eziya kukwenza usoloko udlamkile. Lixesha lokufezeka kweenjongo zakho ezithile, kanti ikwayinyanga yokuzuza izinto yinto, ngoko lisebenzise kakuhle ithamsanqa lakho. Ngokusebenzisa ingqondo ungayizuza intliziyo nomphefumlo wesithandwa sakho. Yenza abantu banxibelelane nengqondo yakho, intsabelo yothando iza kukwanelisa. Imihla yethamsanqa: ngowe-5, owe-6 nowe-7. Amanani ethamsanqa: ngu-5, u-6 no-7.

CAPRICORN
( December 22 - January 20)
Ngandlel ithile iziganeko ziza kuhambisana namacebo nemigudu yakho ngeli xesha, uqinisekile ngokufumana uchatha woncedo kwithamsanqa lakho. Kwimizamo yakho yamvanje unokuyibona inkqubela ungazibhokoxanga. Isithandwa sakho sibonise ububele. Unokuluvuselela uthando ngokusiphathaphatha, usidlalisa. Imihla yethamsanqa: ngowe-8 nowe-9. Amanani ethamsanqa: ngu-8 no-9.

AQUARIUS
( January 21 - February 19)
Amacebo esithandwa anokuphuculwa ngoxa ithamsanqa livumelana nobuhlobo benu. Ngaphezu koko, izivumelwano ezinenzuzo kunokuthethwana ngazo nonxibelelwano olutsha lunokwakhiwa ngokunxulumana nabahlobo abatsha. Ukusebenzisana sisisombululo kwinkqubela. Ukuba akunasithandwa unokuzibona usifumana esikonwabisayo. Amathuba ngawokuba uza kuthandana gqitha nomntu odibana naye ungalindele. Imihla yethamsanqa: ngowe-10 nowe-11. Amanani ethamsanqa: ngu-1 no-2.

PISCES
( February 20- March 20)
Sebenzisa eli thuba lihle ekucengeni umntu ofanelekayo akumele ukuba unethemba lokuphumelela kokutsha okwenzayo okanye ukuphepha imeko embi. Uza kukufumanisa kulula ukukhusela okona kubalulekileyo. Lindela ukuvakaliswa kwezimvo zesithandwa sakho, lungela ukusabela ngokunzulu, nyamezela. Uthando novelwano luya kuxatyiswa. Imihla yethamsanqa: ngowe-12 nowe-13. Amanani ethamsanqa: ngu-3 no-4.

ARIES
( March 21 - April 20)
Eli lithuba elihle lokuzenzela igama kwabanye. Yenza ngokuvumelana noku xa ithuba livuleka ukuze waziwe. Yiba ngumntu ozolileyo nonobubele xa ukunye nesithandwa sakho. Ukuba akunaso lixesha elihle lokufuna lowo ongakholiswa nguye. Imihla yethamsanqa:
ngowe-14 nowe-15. Amanani ethamsanqa: ngu-5 no-6.

TAURUS
( April 21 - May 20)
Zimisele ukuphumelela kushishino ngokukhetha ofuna ukukufikelela, sebenzisa ulwazi nobuchule bakho. Umgudu onyanisekileyo uya kuvuzwa, uya kukuhlawula ukuze ukhe uzihlazive kwezoshishino. Okusandul'ukwenzeka eluthandweni lwakho kunokukukhwankqisa kodwa ngoku lithuba lokubuyela kokuqhelekileyo. Kwakhona, unokukulungela ukufumana iqabane elitsha. Imihla yethamsanqa: ngowe- 16, owe- 17 nowe 18. Amanani ethamsanqa: ngu-7, u-8 no-9.

GEMINI
( May 21 - June 21)
Kuba ngoku ukulungele ukunxulumana nokubamkela, uza kukuvuyela ukuba kunye nabahlobo abadala nabatsha. Yiba ngumzekelo wokunikela iingcamango neenkcukacha kuba ukwenjenjalo kuya kukunika izinto onokuzenza nonokuzama ukuzifumana. Zama ukuwuqonda umnqweno wakho wothando kweli thuba likulungeleyo. Niza kusebenzisana neqabane lakho. Imihla yethamsanqa: ngowe-19 nowama-20. Amanani ethamsanqa: ngu-1


CANCER
( June 22- July 22)
Zihlaziye ngokwasemoyeni ingakumbi xa iimvakalelo zakho kufuneka zinyangwe okanye ufuna izisombululo kwiingxaki. Ukucamngca qho kuza kukuhlaziya kukukhuthaze ukuba uziphucule nkalo zonke ebomini. Ubunye bunokukuvuza xa wena neqabane lakho nizimisele ukuphulukana nokuthile ukuze nizuze okuthile. Ningazami ukutshintsha omnye kuni. Imihla yethamsanqa: ngowama-21, owama-22 nowama-23. Amanani ethamsanqa: ngu-3, no-4 no-5.






Umbane
iSiqendu 2
Kwinyanga ephelileyo sikuxele ngendlela owenziwa ngayo umbane nendlela othunyelwa ngayo kumakhaya ethu. Kuyamangalisa ukuba luncedo kangaka kwento eyenziwa lula kangaka. Nangona kunjalo, akukho nzwana ingenasiphako, kwaye esombane isiphako yingozi oyiyo xa ungasetyenziswa ngenkathalo. Njengoko nombane wokududuma kwezulu unokubetha umntu omi phandle kududuma, nokungena kombane emzimbeni womntu kunokumenza amelwe yintliziyo, atshe, okanye afe nokufa.

Ngenxa yeso sizathu nantoni yombane esiyisebenzisayo kuquka iiplagi zodonga nezixhobo zombane zenziwe ngokukodwa ukuze zingabi nabungozi. Sikhuselekile kwezi zinto xa siyilandela kakuhle imigaqo yokuzisebenzisa. Umbane ukhuselekile kuba bambalwa abantu abanzakaliswa nguwo ehlabathini kodwa baninzi gqitha abantu abawusebenzisayo ebomini babo

AMANDLA OMBANE
Umbane osetyenziswa yiglobhu eyi-100w unokumbulala umntu xa eyame kwintambo enombane ongako.

UKHUSELEKO KUMANDLA AWO
Kwenziwa iCircuit Leakage Protector ukuze abantu bakhuseleke embaneni. Ukuba uyakhumbula, sichaze ukuba umbane onamandla ufikela kwibhodi ewuthumela kumagumbi ngamagumbi kwakho.
Lo mbane ugqitha kwiiCircuit Breakers xa usiya kumagumbi ahlukeneyo.
Iintambo ezithwala umbane ziba ngaphakathi eludongeni maxa wambi okanye zihambe ngaphandle kodonga ziye kwiplagi ozisebenzisayo xa ufuna umbane.
Umsebenzi weCircuit Breaker noweEartth Leakage kukukhusela izinto ezimbini:
1. Impahla yomzi.
2. Ubomi bomntu

IHY-MAG Circuit Breakers zikhusela umzi nempahla yakho ngokubona undonakele kwizixhobo zombane ezinokutshisa umzi okanye isixhobo eso ngokwaso. Xa kukho undonakele ziyazicima ngokwazo ukuze ungagqithi umbane kuzo. Xa ufumanisa ukuba kukho iplagi engasebenziyo kwakho yazi ukuba sislumkiso eso. Zama ukufumana undonakele kuqala ngaphambi kokuba ulinyuse iqhotsha leCircuit Breaker .
Eyesibini ebalulekileyo yiEarth Leakage Protect ekhusela ubomi. Abantu badla gokukukhohlisa ngokuba ungayinayo kwakho ukuze wonge imali . IHY-MAG Earth Leakage Protector yiyo exelayo xa umbane kukho apho ulahleka khona ngokuthi uhambe apho ungafanelanga ukuhamba khona. Eli qhotsha liyazicima ngokukhawuleza akuqaphela ukuba umbane awusahambi ngendlela echanileyo ukuze lisindise ubomi. Unokuphinda ulinyuse eli qhotsha wakuwulungisa undonakele.

IZINTO EZIBANGELA LIZICIME
1.Amanzi okanye ukufuma kwindawo ehamba umbane okanye ngaphakathi kwisixhobo sombane. 
2. Kwiindawo ezineentambo ezivele ngaphandle nalapho ziyamanayo.
3. Undonakele kwizixhobo esisebenza ngombane.
4. Ukungadityaniswa kakuhle kweentambo zombane kwindawo enamaqhosha okucima umbane
5. Ukusetyenziswa ngokugqithileyo kweplagi ethile endlwini.

AMACEBISO OKHUSELEKO
Nangona iiCircuit Breakers zikukhusela, kubalulekile ukuzazi izinto ezinokukukhusela.
1. Ungabeki iintambo zombane kwindawo ezinokukhawuleza ziguge kuyo. Njengaphantsi kwekhaphethi okanye kwindawo eshushu kakhulu.
2.Yivavanye kanye ebuncinaneni ngenyanga iEarth Leakage Protector yakho ngokucinezela iqhotsha
lokuyivavanya elisecaleni kwayo.
3. Jonga ukuba zonke iiplagi neentambo ukuba azibishushu na
xa zisebenza. Zifanele zingabi shushu xa uziphatha. (Ziphathe
ngomphezulu wesandla ungazithi  xhakamfu)
4. Ungavumeli amanzi asondelele kwindawo enombane ( iiplagi zodonga nezezixhobo ezisebenza ngombane) 
5. Ungazixomolozeli iintambo eziqhawukileyo - zikhuphe ufake ezintsha. 
6. Qinisekisa ukuba zonke iiplagi zifakwe kakuhle ngaphambi kokuba uzisebenzise okokuqala.
7. Ungasilungisi isixhobo ,sombane ungacinywanga umbane. 
 IHY-MAG Earth Leakage Protector iya kuwuxela undonakele ize iwe ngokukhawuleza.




2 BONA XHOSA - August 1995

INTSHAYELELO

Bhotani Bafundi,
Amaxabiso ezinto anyuka mihla le! Ngenxa yeso sizathu, uTyhila Ufunde kule nyanga uza kuqwalasela imicimbi yemali indlela yokuqonda ukuba awuhlawuli ngokugqithisileyo neendawo onokuya kuzo xa ufuna ibhasari . Kwi-"Ndlela Yokuhlawulela Umbane" sikubonisa indlela yokufunda ityala lakho lombane ukuze ungahlawuli imali egqithisileyo.
Sikuchazela neendleko zombane zesixhobo ngasinye esisebenzisa umbane. Qinisekisa ukuba uyasicima isixhobo sombane xa ungasisebenzisi oko kuya kukongela imali !
Kwabo banqwenela ukuqhubela phambili imfundo yabo, sikucebisa nangeendawo ezahlukeneyo onokufumana kuzo iibhasari .
Yenza isicelo ngokukhawuleza ukuze ungaphoxeki kukungabi namali yokufunda ngo-1996.

KUTYHILA UFUNDE KULE NYANGA...
Iincwadi Zenu						3

Imfundo Yabadala			 			4
Ukuhlawulela umbane

Abafundi Abatsha			  
IThe Concertina . Isiqendu sesi-2   		7
	
Imbali		
Ubukhoboka eMzantsi-Afrika				9
	
Umthetho:		
Ukumangalela intlawulo xa				12
ubandakanyeke kwingozi yemoto	
		
Imisebenzi:	
Ukwenza isicelo sebhasari				14

Better English:			 
Piano and Drums !					16

Abantwana Abancinci:	 
Ukupeyinta nokuzoba					19

Abantwana	
Ukwenza ilori ethwala ipetroli			22

Okuqhubeka emfundweni					24




BONA XHOSA- August 1995


IILETA ZENU

Zuza i-R50 ngeleta yakho enomdla

Siyakuvuyela kakhulu ukufumana iileta zenu! Khumbulani ukuba uTyhila Ufunde uhlawula i-R50 ngeleta enomdla. Bhalani ke. Hlalani phantsi nisibhalele. Ukuba unengxaki, siza kwenza unakonako wokukuphendulela yona! Bhalani nithi TYHILA UFUNDE, Education Foundation , P.O. Box 2925, Durban , 4001


Mazifumaneke simahla iikhondom
Ngemini siva kangaphi kuthethwa ngeendibano zesondo ezikhuselekileyo nangokuba secicini kwethu lokusulelwa yintsholongwane yeHIV ? Sixelelwa ukuba masisebenzise iikhondom ukuze singabi sesichengeni sokusulelwa yile ntsholongwane.
Kodwa oko kuyatshiwo nje akwenziwa. Asifanelanga sichithe i-R10 nangaphezulu ukuze sifumane iikhondom ekhemitsi okanye sifune iiklinikhi yocwangciso-ntsapho apho kufumaneka iikhondom simahla. iikhondom zasimahla zifanele zifumeneke kuzo zonke iivenkile okanye iisuphamakethi . Eneneni, kungalicebo elihle ukuncamathisela ikhondom yasimahla kwiilitha zobisi okanye inkonkxa yebhiya . Masingabi neendibano zesondo ezingakhuselekanga ukuze singasulelwa yi-Aids!
NguS. Conco, ePinetown

Yekani ukungcolisa iindawo zethu
Amantombazana enza iindawo zethu zibe nabantu abaninzi ngokuzala abantwana abangenayise. Mantombazana, musani ukuyeka amakhwenkwe atshalalise ubutsha benu. Kungekudala baza kuba bebeninzi ngokugqithisileyo abantu eMzantsi-Afrika ngenxa yenu. Khanizinqande mantombazana, nihlale ninyulu. Ningavumeli iimvakalelo zenu ngokwenza okufunwa zizo kuba niya kukhulelwa iinyanga ezilithoba zonke nitsala nzima.
NguF. Nkosi, eMkhuhlu

ILETA EPHUMELELEYO
Ingxowa-mali yabantwana abahlala ezitratweni
Abantwana abahlala ezitratweni bayingxaki yomntu wonke. Sonke masifake igxalaba ekusombululeni le ngxaki. Ufanele urhulumente rhoqo ngenyama atsale iRl okanye i-R2 emvuzweni womsebenzi ngamnye, atsale i-R10 kusomashishini ukuze kusekwe ingxowa-mali yaba bantwana.
imali etsalwe emntwini ngamnye inokusetyenziswa ekwakheni isikolo. Le mali kunokuthengwa nangayo umhlaba onokulinywa ngaba bantwana.
Izityalo abazilimileyo zinokuthengiswa kufunyanwe enye imali . Oko kuya kubenza babe nengomso eliqaqambileyo ebomini!
NguN.Z. Dlamini, eMtunzini

Ningavumeli amadoda atshalalise ingomso lenu!
Kule mihla amantombazana amaninzi ayakhulelwa, ingakumbi afunda kwizikolo zamabanga aphakamileyo. Amanye ayaphuma esikolweni unyaka omnye okanye emibini esakhulisa umntwana kanti amanye axhoma umphelo esikolweni .
Sifanele sibone ukuba oko kuwalitshabalalisa ingomso lawo. Mantombazana, yibani neendibano zesondo ezikhuselekileyo nabafana enincuma nabo yaye nibaxelele basebenzise iikhondom . Baxeleleni ngeengxaki onokujamelana nazo xa unokukhulelwa. Iindibano zesondo ezikhuselekileyo zifanele zikhuthazwe ezikolweni , kwiikholeji nasezicaweni.
NguJ. Mngadi, eKimberley

Imitshato elungiselelweyo
Kwiminyaka yakudala abazali babezikhethela iintombi zabo abafana emazitshate nabo, kuba babekholwa kukuba alinangomso ibhinqa elingatshatanga.
Babesithi bakumbona umfana ofanele intombi yabo, bayikhuphe intombi yabo esikolweni bayendisele kuloo mfana. Babengaqondi ukuba batshabalalisa ingomso lentombi ngokwenjenjalo.
Nam ndendiselwa emntwini ndingafuni ngabazali bam. Ndinama-36 eminyaka ngoku yaye siwuqhawule umtshato nendoda yam kuba asizange sithandane kwasekuqaleni kakade. Ngoku ndifuna ukuqhubela phambili imfundo yam. Ndiyacinga ukuba uTyhila Ufunde unokubanceda abani abakwimeko enjengeyam.
NguV. Gungubele, eBhayi








4 BONA XHOSA - August 1995

IMFUNDO YABADALA

Iyanda imizi esebenzisa umbane eMzantsi-Afrika! Oko kungenxa yokuba umbane ufakelwa nakwiindawo ebezingenawo ngaphambili ukuze abantu babe nokusebenzisa izitovu , iifiriji nezibane. Kodwa umbane udla imali ngoko xa unombane ziyanda izinto ekufuneka uzihlawulele. UTyhila Ufunde uchaza indlela onokuwahlawula ngayo amatyala akho

Ukuhlawulela umbane
UNksk. Makhale ukhalaza zonke iinyanga ngemali yombane ekufuneka ayihlawule.


Zimbini iindlela zokuhlawulela umbane.
Kwezinye iindawo abantu bawuhlawulela ngekhadi umbane. Le ndlela isetyenziswa kwiindawo ezisandul ukufakelwa umbane ngabakwaEskom .

Kodwa abanye abantu basawuhlawulela umbane ngokufumana iphepha elivela kwaEskom elibonisa imali amabayihlawule ekupheleni kwenyanga.

Ukuba ungomnye wabantu abawuhlawulela ngolu hlobo umbane, eli bali liza kukunceda uyiqonde indlela yokuhlawulela umbane.



6 BONA XHOSA -August 1995


Indlela yokulinganisa umbane.
 Imitha yakho ilinganisa umbane owusebenzisayo.
 Xa usebenzisa isixhobo esithile sombane, njengeketile , umabonakude okanye ifriji , amanani akwimitha yakho ayahamba ukubonisa umbane owusebenzisileyo.
 Imitha yokulinganisa umbane ifana nemitha ebala umgama ohanjwe yimoto . Imitha yemoto iwubala umgama owuhambileyo ngeekhilomitha . Imitha yombane iwubala umbane owusebenzisayo ngee-unit . Lonke ixesha xa amanani etshintsha, kongezwa i-unit kwityala lakho lombane.
 AbakwaEskom bakuhlawulisa nge-unit nganye oyisebenzisayo.
 Abantu abafunda iimitha bafika zonke iinyanga bazofunda amanani akwimitha yakho. Babhala amanani kwifomu baze bazise kwaEskom okanye kwiiofisi zikamasipala . Apho, oonobhala bawafaka kwikhompyutha loo manani. Ize ikhompyutha ikhuphe imali ekufuneka uyihlawule.
 Uza kuyifumana ibhokisi enemitha ecaleni kwendlu okanye kwisitrato ohlala kuso.

Iindleko zombane
Ubusika buhlasele. Ukuba usebenzisa ilitha yombane, ityala lakho lombane liza kunyuka. Uyasazi isizathu soko? Ezinye izixhobo zombane zisebenzisa umbane omninzi kunezinye. Iihitha izitovu zisebenzisa umbane omninzi. Kodwa unokukhalisa unomathotholo imini yonke, kodwa isebenzise umbane omncinane. Olu luhlu lusecaleni lusibonisa imali oyihlawulayo ngeyure nganye usebenzisa umbane. Yisebenzise ukuphendula le mibuzo.
1. UFlora usebenza kumzi-mveliso wempahla.
Usebenzisa umatshini wokuthunga ukususela
ngentsimbi yesi-8 kuse kweye-4, yaye ufumana ixesha lesidlo sasemini elisisiqingatha seyure . Kudla umbane ongakanani ukusebenzisa umatshini wokuthunga imini yonke? Ngeveki ? Nangenyanga?

2. UJohannes ubukela umabonakude iiyure ezimbini
yonke imihla ebusuku. Usebenzisa umbane ongakanani kumabonakude?

3. Kudla malini ukusebenzisa ifriji imini yonke?

4. Unokonga malini ngobusuku obunye xa uyicima ihitha xa ulala?

Isixhobo sombane
iindleko zaso sombane 


umatshini wokuthunga
lc ngeyure


iglowubhu eyi-100w
2c ngeyure


 ihi-fi
3c ngeyure
			

umabonakude
4c ngeyure


 ideep freeze
5c ngeyure


 ivacuum cleaner
9c ngeyure
						

ifriji
9c ngeyure


iayini
16c ngeyure


iketile
30c ngeyure


ihitha ( ene-bar )
24c ngeyure


igiza
48c ngeyure


ionti
56c ngeyure


isitovu ( ipleyiti encinane)
18c ngeyure


BONA XHOSA -August 1995 7

ABAFUNDI ABATSHA

The Concertina .
Khathazile follows her heart
KuTyhila Ufunde wenyanga ephelileyo, sifunde ngendlela uKhathazile Madlala awathandana ngayo noGasa. Ibali laphela xa uyise ezomlanda kuba uGasa
engayihlawuli ilobola. Ngoku funda ukuba kwaqhubeka ntoni eluthandweni labo


Ndayiva iConcertina

Ndandingonwabanga tu ekhaya. Ndandikhumbula ngendlela engathethekiyo uGasa.
Kwathi ngobo busuku ndisalungiselela ukulala, ndeva ukukhala kweConcertina phandle. Ndaqonda ukuba nguGasa lowo. Wathi uza kugoduka.
Ndandisazi ukuba azikho iinkomo ebuhlanti bakuloGasa. Ubuhlanti bakhiwe ngamatye amakhulu yaye bunokuvalela umhlambi weenkomo zomlimi omhlophe. Ndathi kuba ndimthanda, ndandingakhathali nokuba abunankomo.

Ngentsasa elandelayo wafika kwakhona utata. Ngorhatya wafika uGasa neConcertina yakhe.
Ngoko ndandilandwa ekhaya ndiphinde ndiqhweshe ndiye kuloGasa.
Ndandimthanda uGasa, ngoko ndathi ndakubona utata esihla entabeni ezondilanda, ndabaleka ndayozimela emlanjeni.

Ndazala umntwana oyintombazana
Laqhubeka ixesha ngale ndlela de ndakhulelwa. Kwanyanzeleka ukuba abantu bakuloGasa bayoxela umonakalo kutata. Kwakufuneka bahlawule inkomo ngomonakalo owenziwe ngunyana wabo. Andazi ukuba bayifumana phi loo nkomo, kodwa bayihlawula bona kutata.
Isiko lithi lihlazo ukuzala kwentombazana engatshatanga phambi koninazala ngoko
ndagoduka ndayobelekela ekhaya. Ndahlala ekhaya ndisela isihlambezo. Elo yeza laliza kundinceda xa ndizala.
UGasa waya kusebenza eRhawutini kwimigodi yegolide . Wayefuna ukufumana imali yokundilobola.
Ndandingenaye umama, ngoko kwathi kwakufika imini yokubeleka kwam, umakazi wabiza amanye



		

188 BONA XHOSA - AUGUST 1995


BONA XHOSA - August 1995 3

Sinifunclisa ngephepha likaMondi

6 BONA XHOSA - August 1995

Sinifundisa ngephepha likaMondi

